INDLALA
:- by Sisonke Mlamla (Dingela)
Sizwe
ndini sakowethu,
Sizukulwana
sabantsundu,
Ndivumeleni
ndithethe
Ndivumeleni
ndibhibhidle, ndityatyambe,
Kulo
mhlaba wakuthi.
Maxesh’
onke ndibolek’ ulwimi lwasemlungwini ndingaqondi
Kodwa
namhla ndizibuyisel’ ekhaya kolweenkobe lona ulwimi
Ndithi
mandiqhoshe, nto nje ndingonwabanga,
Ndithi
mandinazise, ndibebuqonda umonakalo wakuthi.
Seside
simke ngamacala nje konakelephi na?
Seside
sibengamacango ukuphela, sidliwa yini na?
Nyaka
na nyaka, amawaka waka akuthi ayaphela
Ntsuku
na ntsuku sigqitywa yindlala
Indlala
le iya tshabisa, ngenxa yokonqena.
Masivukeni
sizwe akuthi, udlala nje wena, indlala le ayidlali,
Ookhokho
bemfuyo, nookhokho bezilimo abasekho namhla,
Masijongane
nelifa lemfundo singxoth’ indlala.
Masanezisane
ngenkathalo, sibhekephambili.
Indlala
le ingathethi nje soyiswa yini na?
Indlala
le ingaboni nje soyiswa yini na?
Masibhenele
kusombawo, kusonini na nini,
Imbangi
nomgqibebelelisi wobomi bethu
Siguqe
ngedolo sithandaze,
Sigxoth’
indlala,
Ndisatshaya!!
bhotani ntozakuthi. celubuza, akekho onawo loMbongo kaHintsa okanye oka Rharhabe?
ReplyDelete