IMVELA
PHI!!
Ngu Sisonke Mlamla (Dingela)
Siphi
na isizwe sakowethu?
Baphi
na abomthomnyama bona abantu?
Luphi
na elomgquba lona uluntu?
Ingaba
saayaphi na isizwe sakuthi?
Singayingcwaba
sijongile na imvelaphi yakuthi?
Ndingakhangeleka
ndingaqondi,
Ndingakhangeleka
ndingazi,
Ndingakhangeleka
ndingakhathali.
Sesidesifungelane
nje, konakelephi na?
Sekude
kuqhum’ uthulinje, sisilwakwasodwa,
Iphi
na imvakalelo yoluntu?
Seside
singonwabisani nje, konakelephi?
Ndingakhangeleka
ndingento, ilizwi lona livakele,
Singoobani
na ukwenza okubi?
Singoobani
na ukuthetha okungcolileyo eluntwini?
Wovabesithi,
‘’the character is shaped by what the mind takes in’’.
Sisonakalanje
isizwe yini na!
Seside
singonwabi nje nguwe, yinina?
Sesingena
mpilonje ngenxa yakho, yini na?
Sesingena
nto intle nje, sikwenze ntoni na?
Eyam indaw' iyehla!!!
iMVELAPHI!!
ReplyDeleteRhabul' apha ungavingci, kulo mbongo iMvelphi, ndiyi lentwana yakwaDingela unyana wentombi kaMlamla, ndizama ukugrombonca ndixhwithe amabibi athethekayo ngomzi wakuthi anje, okungavisisani, obuqhophololo kuluntu lomgquba nokungathandani kuluntu, ingakumbi ukuphulukana neNgqondo yemveli yookhokho bethu, iphi na ingqondo nokuchubeka kwengqondo esayishiyelwa ziinkode zakuthi?, seside sijongane ngezikhondo zamehlo nje sishiya inkcubeko yakuthi. Hayi khona mzi kaPhalo kaRharhabe masizicenge sibuyel' ekhaya. kulowo nalowo uzibiza ngokuba nguXhosa unegalelo elimandla ekutshabeni, ekubhangeni ukanti nasekuhlumeni koluntu lwethu. Masizicenge mzi wakuthi, ngoku zithoba.