Ukusila |
Bhota
mzi ka-Phalo, kwisizukulwana sika-Rharhabe kwikhaya lakwaNtu Kwa-Xhosa, ikhwelo
lityala mawethu, kuni bantwana bomthonyama, masibuyel’ embo mz’ oNtsundu
sicazulule, sicakace size sigulule imisebenzi yakwaXhosa.
Imisebenzi yakwaNtu iyathungelana, omnye
uzalwa ngomnye loo ntetha ngokuphangaleleyo ithi msebenzi ngamnye awuqhubekeki ungekafezekiswa omnye, xa ndisitsho ndithetha ngemisebenzi enje ngokubhula,
ukusenga nokusila.
Ungabhulwanga
umbona/ amazimba okanye ingqolowa akusayi kusilwa. Namhlanje sixoxa kabanzi ngoku sila.
Amanyathelo owathabathayo xa uzakusila/usila?
v Uvusa ilitye lokusila ukuba
liqutyudiwe, ulingqengqise ngomqolo lijonge phezulu
v Wandule ukuthatha isithebe
usibeke phambi kwelitye elo, usifake sitshone kancinane apha ngaphantsi
kwelitye
v Uze uthathe imbokotho le
uzakusila ngayo uyosule uthuli okanye kunge njalo uyihlambe
v Uyibeke ngezantsi elityeni elo.
v Wandule ukugalela umbona/
amazimba/ ingqolowa kuxhomekeka ku loo nto uzakube uyisila uyigalele elityeni
elo, uyigalela entla kwembokotho.
v Uthathe imbokotho uyibambe
ngezandla zombini
v Uyishukumise kuhle, usuka ezantsi
umana unyuka usihla, umana ufaka iinkozo zalo nto uyisilayo phantsi
kwembokotho. Uyasila ke ngoku.
v Ngoku njalo kuphuma iinkozo
ezisiliweyo sele zingumgubo okanye zisilekile.
v Ungayekanga kananjalo ukumana
usikha galela, kude kuphele lonto uyisilayo.
Indlela
osebenzisa ngayo iingalo nezandla zakho, ude wenze namatshamba ngenxa yokuwo
nwabela nokuwu chulumancela lomsebenzi wokusila, ingakumbi xa sele uzibona
ubuchule.
Ize
lonto ubuyiphothula apho iphume sele ebizwa ngokuba ngumphothulo.
Hayi
ukuba nencasa encamisa umxhelo kwaloo mphothulo uzakuphuma apho xa sele uwuthe
diii angqumbululu wona amasi wala Nkomo yakho yehlisa kunene, Ubuncwane bezidlo
zakwa Xhosa.
No comments:
Post a Comment