Sunday, 31 August 2014

Kukuthini Ukusila Umphothulo? isenziwa njani loo Nto?


Ukusila
Bhota mzi ka-Phalo, kwisizukulwana sika-Rharhabe kwikhaya lakwaNtu Kwa-Xhosa, ikhwelo lityala mawethu, kuni bantwana bomthonyama, masibuyel’ embo mz’ oNtsundu sicazulule, sicakace size sigulule imisebenzi yakwaXhosa.

 Imisebenzi yakwaNtu iyathungelana, omnye uzalwa ngomnye loo ntetha ngokuphangaleleyo ithi msebenzi ngamnye awuqhubekeki ungekafezekiswa omnye, xa ndisitsho ndithetha ngemisebenzi enje ngokubhula, ukusenga nokusila.
Ungabhulwanga umbona/ amazimba okanye ingqolowa akusayi kusilwa. Namhlanje sixoxa kabanzi ngoku sila.






Amanyathelo owathabathayo xa uzakusila/usila?
v  Uvusa ilitye lokusila ukuba liqutyudiwe, ulingqengqise ngomqolo lijonge phezulu
v  Wandule ukuthatha isithebe usibeke phambi kwelitye elo, usifake sitshone kancinane apha ngaphantsi kwelitye
v  Uze uthathe imbokotho le uzakusila ngayo uyosule uthuli okanye kunge njalo uyihlambe
v  Uyibeke ngezantsi elityeni elo.
v  Wandule ukugalela umbona/ amazimba/ ingqolowa kuxhomekeka ku loo nto uzakube uyisila uyigalele elityeni elo, uyigalela entla kwembokotho.
v  Uthathe imbokotho uyibambe ngezandla zombini
v  Uyishukumise kuhle, usuka ezantsi umana unyuka usihla, umana ufaka iinkozo zalo nto uyisilayo phantsi kwembokotho. Uyasila ke ngoku.
v  Ngoku njalo kuphuma iinkozo ezisiliweyo sele zingumgubo okanye zisilekile.
v  Ungayekanga kananjalo ukumana usikha galela, kude kuphele lonto uyisilayo.

Indlela osebenzisa ngayo iingalo nezandla zakho, ude wenze namatshamba ngenxa yokuwo nwabela nokuwu chulumancela lomsebenzi wokusila, ingakumbi xa sele uzibona ubuchule.
Ize lonto ubuyiphothula apho iphume sele ebizwa ngokuba ngumphothulo.

Hayi ukuba nencasa encamisa umxhelo kwaloo mphothulo uzakuphuma apho xa sele uwuthe diii angqumbululu wona amasi wala Nkomo yakho yehlisa kunene, Ubuncwane bezidlo zakwa Xhosa.

Friday, 29 August 2014

Amanakanibe ngeli Khasi (Blog)





Bhotani kuni zidwesha nani zikhulu!!
Bhotani mz’ ontsundu, Sapho lakwa-Xhosa!

Ndizive ndingasayi kuthi cwaka, konke-konke ngenxa ya lentetha yakwaXhosa ethi ‘’usana olungakhaliyo lufel’ embelekweni’’. Singathula njani na kusonakala kaloku!, singathula njani na uluntu luseyela ngakumbi nangakumbi emhadini weengonyama, yini na mzi kaPhalo, yini na sapho lakuthi.

Impilo yokulima
Ndiqulunkqe  elikhasi ukuze sikhumbule kunge njalo sizikhumbuze usapho lakuthi olukhanyela intsukaphi nemveli yakwaXhosa, size sigulule kabanzi ngemvelaphi yakwaNtu kwakunye nengqondo yemveli, ingakumbi izinongo nobuntubululu bezidlo zakwaXhosa, zona zikhangeleka zibhanga Kunene, ndizakube ndigrombonca ubuncwane nokubasempilweni kwezidlo zakwaXhosa size sigulule kunye nentsuka phi yako. Sikhe sibuyele kwi mpilo yamandulo yokulima nokufuya nje nge mpilo yakwaXhosa. Siphile impilo ende nje ngamaxhego namaxhegokazi amandulo.

Eli Khasi lisinceda ukuba sibuyise ingqondo yemveli, nengqondo yenkcubeko sizidle ngobuXhosa bethu, nasekuthetheni ulwimi lweSintu size sibuyele ebuntwini bethu, sicakace siguzule sigulule oongqondo ngqwirha kwiingqondo yoluntu lwanamhla, sibuyel’ embo mzontsundu. Yiyo loo nto ndihlale ndacebe ndacinga ndacakaca ndacokisisa elikhasi.

Ndivumele ndibambe ngazibini kuwe mntw’anomgquba, ngokuzinika ixesha lokuphengulula ufunde kwelikhasi, Tssiiii inga iNkosi ingakugcina. Njengomntu usaqingqayo kubhalo gabalala ngenkcubeko nemveli yakwaNtu ndithembele kwiingcebiso nokunqwanqwadwa nini, nto ezo endiya kuzithakazelela kunene, ukanti ezinye niyakuzandisela, mawethu.

Ungazama ukuxhomana nam umbhali apha mlamlas607@gmail.com

Tatala hote, mathol’anyongande kukudlelana.
Makube chosi kubehele.

Monday, 25 August 2014

NGOMQULUNKQI WEKHASI



UMBHALI WEKHASI


Inzwi zidwesha nani zikhulu!
Izwi kuni mawasa nani mawasakazi,
Inzwi bantwana begazi nani zinxiba mxhaka, ndivumeleni ndithethe, ndivumeleni , ndixhentse ndixhibitheke ndizazise, uSisonke lo yinzwana enoncumo ngathi ibon’umtshakazi, ufaf’olude, oluqhakazileyo onokuthi wakulujonga unge ungafunga uthi akanzala ka Phalo ncakasa, hlez’ungabhuda ngempazamo usahleli naye uzive sele ubetha ngolwasemzini gxebe usithi ‘’ Hoe gaan dit my broer’’. Le ntwana ngumntwana wesithathu emva kuka Zameka noNolitha  ku-maMiya, Gcwanini, Sibewu, Sijekula, Salakulandelwa,kwenye yeeNtombi zakwa Mlamla unina ke ukutsho, umathunjana kuba intombi le kwakucaca ukuba iyifumen’ int’ ibiyifuna, umntwana oyiNkwenkwe baza bamnika igama lokuba nguSisonke, echaza ukuba ligqibelo lakhe olakuzisa ulonwabo nentlangano ekhaya ‘’sisonke’’.


Ukanti  engoweshumi elinesihlanu kuludwe uthotho nentlaninge yabantwana, lento inabantwana ngathi ibaphiwe, ndithetha ngoo Nyameko, Thandeka, Amanda, Luthi, Andile, Msebenzi (Michael), Phindeka, Babalwa, Boniwe (Tamara) , uSinazo (ongasekho), uMzikazi, Nkosikho (ongasekhoyo), uSiphiwo, Melumzi, Balungile,Mathemba, mihlali,noSomila, uthotho lukaYise into emabele mancinci ukanti indala.
.
Ndithetha ngomfo ka Dingela, Unkwali, ubhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi, Enyon’ engadliwa ngabafokazana idliwa ngamakhosi. Ngabakwa Buz’ elikhul’ elagedl’ umhlanga, Kwavel’ amaBuz’ abuzwana. NgabakwaNongubo-ntloko. Abanye bazitetil’ abanye bazithwele. Inkwali yintak’ engcondo zibomvu Edla ikhethe lomfula, ngathi ndiyayibona loo nto ingotyo-ngotyo ichul’ukunyathela ngathi ihamb’emaqandeni ndisathetha ngexhego lakuthi, esele lawunabelayo ke kodwa uqaqaqa, mamela uv’into ka-Ngcwabe x’isithi ‘’ Kufandin’ akufi, Gqogq’ eqhuqha nqwelo yogoduko, Wen’ uthwel’ iintlungu’’.

Ndiyinzalelwane yaseNgculurha (eWesley) egudl’ unxweme  phantsi  kolwandlekazi iIndian  Ocean, eNgqushwa , kulapho inkaba yam ilele khona, kulapho ndaqala ndaqonda ubulumnko ubungangamsha nobuhadiba bukankulunkulu ndaza ndazimisa ukuba ndakumkhonza uYehova ndize ndimzukise.

Ndicaphulile kwiZibhalo eZingcwele ku ‘’Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana,bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana,  ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana’’- KwabaseKorinte bokuqala 13:11. Kulapho ndaqala ndaqonda ixanduva lokuba yindoda phakathi kwekhaya, ekuhlaleni, nakwilizwe ngobubanzi.

Ndiyazingca ngobuzwe bam, ndiyazingca ngobuntu bam, uThixo wayengazange enze mpazamo nakanye ngaye nawuphi na ummi weli lizwe, enguye umthuthuzeli nomkhulisi wam.
eyam’  indaw’ iyehla!!.

eyam’  indaw’ iyehla!!.

Sunday, 24 August 2014

Umbongo ''Indlala''



INDLALA :- by Sisonke Mlamla (Dingela)

Sizwe ndini sakowethu,
Sizukulwana sabantsundu,
Ndivumeleni ndithethe
Ndivumeleni ndibhibhidle, ndityatyambe,
Kulo mhlaba wakuthi.

Maxesh’ onke ndibolek’ ulwimi lwasemlungwini ndingaqondi
Kodwa namhla ndizibuyisel’ ekhaya kolweenkobe lona ulwimi
Ndithi mandiqhoshe, nto nje ndingonwabanga,
Ndithi mandinazise, ndibebuqonda umonakalo wakuthi.

Seside simke ngamacala nje konakelephi na?
Seside sibengamacango ukuphela, sidliwa yini na?
                                                                 
Nyaka na nyaka, amawaka waka akuthi ayaphela
Ntsuku na ntsuku sigqitywa yindlala
Indlala le iya tshabisa, ngenxa yokonqena.

Masivukeni sizwe akuthi, udlala nje wena, indlala le ayidlali,
Ookhokho bemfuyo, nookhokho bezilimo abasekho namhla,
Masijongane nelifa lemfundo singxoth’ indlala.
Masanezisane ngenkathalo, sibhekephambili.

Indlala le ingathethi nje soyiswa yini na?
Indlala le ingaboni nje soyiswa yini na?
Masibhenele kusombawo, kusonini na nini,
Imbangi nomgqibebelelisi wobomi bethu
Siguqe ngedolo sithandaze,
Sigxoth’ indlala,

Ndisatshaya!!

Umbongo ''ZIHLABANA NJE ZIYALAMBA'' : Ngu W. Shasha




ZIHLABANA NJE ZIYALAMBA : Ngu W. Shasha

Zihlabana nje ziyalamba
Govu! Bhokro-o-o-o zahlabana!
Nanzi iimazi zamasi!
Nanzi iinkab’ ezimaxhaka!
Zivalelwe kwithango labathakathi
Ingca ziyayiphoselwa;
Kodw’ uqaqaqa udlal’abantwana;
Kusikwa ngerhenqe kuphoswe;
Zihlabana nje ziyalamba;
Zihlabana nje ziyalamba!

Bayahluth’ abazisengayo,
Basengel’ eselweni nasemlonyeni,
Kodwa abavumi kuzivulela;
Banya bethe qhutsu kuba ziyakhaba
Bath’ abakahluthi  ngumphethi!
Zihlabana nje ziyalamba;
Zihlabana nje ziyalamba!

Bekungasekho nempunde na
Enokurholihlahl’ ivulisango?
Sakuyithiya sithi ‘’Rolihlahla’’
Siphinde sithi kuye ‘’vulisango’’
Zophuma zigramz’ uqaqaqa;
Zithwal’ amatshoba zigqotsa!
Tyhini nam ndadloba
Kwanga ke ngoku sekunjalo!
Akusentsuku zatywa-a-ala!
Nde-e-e-gram ndawudl’ uqaqaqa!
Zihlabana nje ziyalamba;

Zihlabana nje ziyalamba!

Umbongo ''iMvelaphi''


IMVELA PHI!!  Ngu Sisonke Mlamla (Dingela)

Siphi na isizwe sakowethu?
Baphi na abomthomnyama bona abantu?
Luphi na elomgquba lona uluntu?
Ingaba saayaphi na isizwe sakuthi?

Singayingcwaba sijongile na imvelaphi yakuthi?
Ndingakhangeleka ndingaqondi,
Ndingakhangeleka ndingazi,
Ndingakhangeleka ndingakhathali.

Singobani na kethina?
Sesidesifungelane nje, konakelephi na?
Sekude kuqhum’ uthulinje, sisilwakwasodwa,
Iphi na imvakalelo yoluntu?

Seside singonwabisani nje, konakelephi?
Ndingakhangeleka ndingento, ilizwi lona livakele,
Singoobani na ukwenza okubi?
Singoobani na ukuthetha okungcolileyo eluntwini?
Wovabesithi, ‘’the character is shaped by what the mind takes in’’.

Sisonakalanje isizwe yini na!
Seside singonwabi nje nguwe, yinina?
Sesingena mpilonje ngenxa yakho, yini na?
Sesingena nto intle nje, sikwenze ntoni na?
Eyam indaw' iyehla!!!