Sunday 24 August 2014

Umbongo ''ZIHLABANA NJE ZIYALAMBA'' : Ngu W. Shasha




ZIHLABANA NJE ZIYALAMBA : Ngu W. Shasha

Zihlabana nje ziyalamba
Govu! Bhokro-o-o-o zahlabana!
Nanzi iimazi zamasi!
Nanzi iinkab’ ezimaxhaka!
Zivalelwe kwithango labathakathi
Ingca ziyayiphoselwa;
Kodw’ uqaqaqa udlal’abantwana;
Kusikwa ngerhenqe kuphoswe;
Zihlabana nje ziyalamba;
Zihlabana nje ziyalamba!

Bayahluth’ abazisengayo,
Basengel’ eselweni nasemlonyeni,
Kodwa abavumi kuzivulela;
Banya bethe qhutsu kuba ziyakhaba
Bath’ abakahluthi  ngumphethi!
Zihlabana nje ziyalamba;
Zihlabana nje ziyalamba!

Bekungasekho nempunde na
Enokurholihlahl’ ivulisango?
Sakuyithiya sithi ‘’Rolihlahla’’
Siphinde sithi kuye ‘’vulisango’’
Zophuma zigramz’ uqaqaqa;
Zithwal’ amatshoba zigqotsa!
Tyhini nam ndadloba
Kwanga ke ngoku sekunjalo!
Akusentsuku zatywa-a-ala!
Nde-e-e-gram ndawudl’ uqaqaqa!
Zihlabana nje ziyalamba;

Zihlabana nje ziyalamba!

19 comments:

  1. Lo ngomnye wemibongo endiyithandayo kunene nendikhuthazayo apho oka Shasha ezama ukusikrobisa ukungonwabi nokuxhaphazeka nokukhonkxeka kwabantu abantsundu, ngoko ke kuko konke okwenziwa ngamagqala omzabalazo masikuxhamle, sibuyise ingqondo yemveli, ingqondo yokuLima, neyokufuya.

    ReplyDelete
    Replies
    1. Zihlabana nje ziyalamba'xakunamhlanje abo babesithi balwela elilizwe kuba bethanda abantu abantsundu babethetha ulwimi etywaleni.Ngokuba uqaqaqa ungakukubo bawutya bawetyise bawutyekeze banyantsule banye uhlaza logama umlisela nomthinjana isitya imbiba.

      Delete
    2. Zihlabana nje ziyalamba'xakunamhlanje abo babesithi balwela elilizwe kuba bethanda abantu abantsundu babethetha ulwimi etywaleni.Ngokuba uqaqaqa ungakukubo bawutya bawetyise bawutyekeze banyantsule banye uhlaza logama umlisela nomthinjana isitya imbiba.

      Delete
    3. Nam ndiyangqina,,, (Nanzi) nazi

      Delete
  2. Kukhona impazamo ozenzileyo ngoku ubukhuphela lo mbongo

    ReplyDelete
    Replies
    1. Khawuze nazo singakuthakazela ukulungiswa

      Delete
  3. Ndinganqwenela kubekwe ingqwalasela phaya kumqolo wesi-3 nowe-4, ngaphandle koko ndithi maz'enethole ku-Mnu Welile Shasha ngegalelo lakhe kuncwadi lolwimi lwenkobe.

    ReplyDelete
  4. zihlabana nje ziyalamba ndibethwa bubuyilo ukuba bendiliciko ngendihlalutya lombongo ngawomazwi lala ngoxolo Shasha

    ReplyDelete
  5. sisonke ndicela uqhubeke nokubhala imibongo simnandi isixhosa zidwesha nani zidweshakazi

    ReplyDelete
  6. sisonke ndicela uqhubeke nokubhala imibongo simnandi isixhosa zidwesha nani zidweshakazi

    ReplyDelete
  7. zihlabana nje ziyalamba ndibethwa bubuyilo ukuba bendiliciko ngendihlalutya lombongo ngawomazwi lala ngoxolo Shasha

    ReplyDelete
  8. Zihlabana nje Ziyalamba ngenene, kumbula ilizwe lethu uba lilwelwe nzima kanjani, bajongeni kodwa ngoku uba benza ntoni ngalo.

    ReplyDelete
  9. Yhoooo ndiyawuthanda lombongo man

    Ndeeeegram ndawudl'uqaqaqa

    shuuuuuuu Simnandi isiXhosa ntozakuthi

    ReplyDelete
  10. Ndiyawuthanda kakhulu lombongo

    ReplyDelete
  11. Yakwabani lencwadi ka Welile Shasha into zophuma kwangoko esikolweni. Ndegramm iyhoo

    ReplyDelete
  12. Yenye yemibongo endikhule ndiyithanda lena

    ReplyDelete
  13. Intsingiselo yawo ithwe cihoho lilobke ifihlakele kodwa ngokuwufunda uyavakala ukuba uthetha ngantoni ngxatshoke nto kaShasha

    ReplyDelete