Friday 29 August 2014

Amanakanibe ngeli Khasi (Blog)





Bhotani kuni zidwesha nani zikhulu!!
Bhotani mz’ ontsundu, Sapho lakwa-Xhosa!

Ndizive ndingasayi kuthi cwaka, konke-konke ngenxa ya lentetha yakwaXhosa ethi ‘’usana olungakhaliyo lufel’ embelekweni’’. Singathula njani na kusonakala kaloku!, singathula njani na uluntu luseyela ngakumbi nangakumbi emhadini weengonyama, yini na mzi kaPhalo, yini na sapho lakuthi.

Impilo yokulima
Ndiqulunkqe  elikhasi ukuze sikhumbule kunge njalo sizikhumbuze usapho lakuthi olukhanyela intsukaphi nemveli yakwaXhosa, size sigulule kabanzi ngemvelaphi yakwaNtu kwakunye nengqondo yemveli, ingakumbi izinongo nobuntubululu bezidlo zakwaXhosa, zona zikhangeleka zibhanga Kunene, ndizakube ndigrombonca ubuncwane nokubasempilweni kwezidlo zakwaXhosa size sigulule kunye nentsuka phi yako. Sikhe sibuyele kwi mpilo yamandulo yokulima nokufuya nje nge mpilo yakwaXhosa. Siphile impilo ende nje ngamaxhego namaxhegokazi amandulo.

Eli Khasi lisinceda ukuba sibuyise ingqondo yemveli, nengqondo yenkcubeko sizidle ngobuXhosa bethu, nasekuthetheni ulwimi lweSintu size sibuyele ebuntwini bethu, sicakace siguzule sigulule oongqondo ngqwirha kwiingqondo yoluntu lwanamhla, sibuyel’ embo mzontsundu. Yiyo loo nto ndihlale ndacebe ndacinga ndacakaca ndacokisisa elikhasi.

Ndivumele ndibambe ngazibini kuwe mntw’anomgquba, ngokuzinika ixesha lokuphengulula ufunde kwelikhasi, Tssiiii inga iNkosi ingakugcina. Njengomntu usaqingqayo kubhalo gabalala ngenkcubeko nemveli yakwaNtu ndithembele kwiingcebiso nokunqwanqwadwa nini, nto ezo endiya kuzithakazelela kunene, ukanti ezinye niyakuzandisela, mawethu.

Ungazama ukuxhomana nam umbhali apha mlamlas607@gmail.com

Tatala hote, mathol’anyongande kukudlelana.
Makube chosi kubehele.

No comments:

Post a Comment